Sithandiwe Velaphi
Umlungu owenza ibanga lesithoba kwisikolo iHudson Park High School eMonti uthathe isigqibo sokuba uyabushiya ubukhwenkwe, ze woluka phantsi kwenkqubo yesiXhosa esaluswa yingcibi yakuCentane ngoMgqibelo.
Sithetha nje u-Estiaan Swanepoel, oneminyaka elishumi elinesibhozo, ungumkhwetha ohlala nabanye abakhwetha kwibhoma elikufuphi nedolophu yakuCentane.
USwanepoel, umhlali eGonubie eMonti, waluswe kwakunye nomhlobo wakhe uNdibulele Soboyisi. Bobabini bafunda eHudson Park.
Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa izibazana u-Estha Swanepoel, unina walo mkhwetha, uthi uvuya kakhulu sisigqibo esenziwe ngunyana wakhe.
“Kudala esithi ufuna ukwaluka ngesiXhosa kwaye andikhange ndibone ngxaki mna. Ndiyamvuyela kakhulu unyana wam, kodwa ke ndiza kumkhumbula ngezintsuku aza kuzihlala endle,” utshilo uSwanepoel ehleka.
Utata kaNdibulele uPaulos Soboyisi uthi ebesiwe nguye la makhwenkwe kwingcibi egama lingu-Phinda Malova kuCentane. UMalova uneminyaka elishumi elinesixhenxe esalusa, kwaye akazange wabhujelwa ngumkhwetha.
USoboyisi uthi uSwanepoel kudala efuna ukwaluswa ngesiXhosa. “Uze kum, wandixelela ukuba ufuna ukuhamba noNdibulele ayokwaluka. Zonke iinkqubo ezilandelwayo ngokomzekelo ukuya kufuna iphepha lakwagqirha sizenzile,” utshilo uSoboyisi.
Uthi le nkwenkwe yakwaSwanepoel ithi bonke abantu abolukele endle basoloko bezidla ngobudoda babo, kwaye nayo ibifuna ukubona obu bunganga benza abantu ukuba bazidle.
USwanepoel noNdibulele bayaphuma ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaJulayi.
Akuqali ukwaluswa komlungu kuCentane. Ngonyaka ka-2012 uMannie Joeireiro, oliPhuthukezi elazalelwa eMonti, waluka phantsi kwenkqubo yesiXhosa kuCentane ze wahlala iiveki ezintathu ebhomeni ngakule dolophu yakuCentane. Naye uJoeireiro wayesithi ufuna ukubona le nto yenza abantu bazidle ngobudoda.