Siyabonga Nhlapho , Mandla Masango be Bafana Bafana umfanekiso Gerhard Duraan/BackpagePix Siyabonga Nhlapho , Mandla Masango be Bafana Bafana umfanekiso Gerhard Duraan/BackpagePix
Pedro Mapelo
Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, uxakekile enkampini apho alungiselela umdlalo oza kuba phakathi kweqela lakhe neMauritius, eDobsonville Stadium, ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.
Iifolosi zeBafana Bafana zikwazile ukufumana amagowuli amabini afakwe nguThamsanqa Gabuza nelifakwe ngoncedo lukaFelipe Malanda kumdlalo wobuhlobo xeshikweni bebetha i-Angola eCape Town Stadium ngoLwesibini. Nangona abadlali beqela lesizwe befumene ithuba lokuphefumla nokuhlaziya iingqondo zabo emva kokuphosa amathuba kumdlalo wempelaveki ephelileyo ngethuba bedlala neGambia, kusekho inkxalabo ngokusulungeka kwesakhono sokufaka amagowuli.
Yilo nto kanye ebangela uMashaba angalali buhlayo. Nangona uGabuza, osemtsha kweli qela, edlale kakuhle kumdlalo waphakathi evekini – akukho siqiniseko ngokuba uyakukwazi ukufaka amanqaku kwimidlalo elandelayo nanjengoko eli qela likhangela umntu onokwenza lo msebenzi. UMashaba uhlomle wenjenje ngamalungiselelo: “Nakuba siphumelele ngamagowuli amabini, kodwa yona ingxaki yamagowuli isekhona. Sanelisekile ngumdlalo wabadlali bethu kwaye la mdlalo usincedisile kumalungiselelo ethu.’’
Abadlali abadlala kumazwe aphesheya abavumelekanga bona ukuthatha inxaxheba kwimidlalo yeCHAN. Le yitumente elungiselelwe abadlali abadlali kumazwe alapha e-Afrika kuphela.