News

Mashaba: Makaxolise uRoger de Sa

Pedro Mapelo|Published

Pedro Mapelo

Izinto azimntaka-ngqika kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana, emvai kokuba libethwe ngamanqaku amabini yiBotswana kwiCawa ephelileyo. Lityeli lesibini eli uShakes Mashaba esikha phantsi isitya sigcwele. Ekuqaleni kwalo nyaka, iqela lakhe lantingela kwilizwe elincinane apha e -Afrika, i-Equartorial Guinea - ilizwe ebelisingethe i-2015 AFCON ngokusesikweni, kulapho kanye amakhwenke kaShakes aqale khona ukudlala into engacacanga ukuba yintoni. Bambi batyhola ukushiywa kwabadlali abathile njengonobangela - kodwa okubonakalayo kukuba aBafana Bafana abaqhubi kakuhle njengokuba bekulindelekile. Nakwityeli elidlulieyo kwiCosafa, iqela loMzantsi Afrika lisephantsi kukaGordon Igesund, zange lidlale njengelizwe elikhulu.

UShakes Mashaba - umqeqeshi waBafana Bafana - ukhangela kwanto ephambi kwakhe enokuba sisizathu esibangele ukuba babethwe yiBotswana ngeCawa edlulileyo, ilizwe elingavamanga kufumana ziphumo ezincumisayo xa lidlala neli loMzantsi Afrika.

UShakes uthi uRoger de Sa, umqeqeshi we-Ajax Cape Town, makaxolise ngokutyhola abachongi ngokungabaseliso abadlali abaseNtshona Koloni. Imtsarhile lo nto kakhulu uShakes kangangokuba uxelele ijelo losasazo laseRhawutini, iPower FM, ukuba ayikho into enjalo kuba bayayityelela iKapa, ngeenjongo zokufumana abadlali kodwa ngelishwa babuya bephaca. “Sabacela abadlali kwi-Ajax Cape Town, kufanele ukuba aze ngaphambili axolise ngalo nto kuba le nto ayithethileyo indenza ndibengumntu ombi ebantwini” utshilo uShakes.

Nangona kukho loo mahla'ndenyuka, uMashaba, uthi iqela lakhe lizimisele ukulungisa iimpazamo abazenze kumdlalo odlulileyo.

Le nkokheli ikwathe obona bulumko kukudlala ngokuzimisela kwesi sigaba bakuso ngoku kwiCosafa. ABafana Bafana, iGhana, iZambia kwakunye neNamibia zibethwe zonke - nangoba uninzi belucinga ukuba elona lakuthi ligoduke nendebe lakuphuma kumazwe amakhulu.

Le nzalelwane yaseSoweto ithe kunyanzelekile ukuba iqela lakhe lidlale kakuhle ukuze libuyise isidima salo.