Sithandiwe Velaphi
U me ngxi umsebenzi wokwakhiwa kwendlela esuka kuhola uN2 isiya kwikoMkhulu labaThembu eBumbane eMthatha.
Oku kuza emva kokuba abahlali belali ezahlukeneyo, kude kufuphi nebhotwe leKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, bethe babamba uqhankqalazo betyhola iKumkani besithi ibenomkhethe ngethuba iqasha abantu abazakusebenza kulendlela.
Abahlali abaphuma kwilali yaseBumbane, eMkhwezeni, eMdilikweni, naseNkalweni babambe umngcelele ngentsasa yanamhlanje besiya kwibhotwe likaKumkani ngenjongo zokunyanzelisa ukuba baqashwe nabo.
Ababahlali, nababalelwa kumashumi amahlanu anesihlanu (55), bathi uKumkan’ uZwelibanzi uqeshe abantu bangaphandle kwelali ezichaphazeleka kolulwakhiwo lwendlela.
Ngokwezicwangciso, ulwakhiwo lwendlela eya koMkhulu bekufanele ukuba luqalile kuMvulo waleveki. “Asokuze luqale de kubekanti abantu baseBumbane baqashiwe,” utshilo umhlali waseBumbane uSimphiwe Phaphu.
“Akukho kwamntu ozakuqala ukusebenza de kube kanti sonke siqashiwe. IKumkani yaxelela intlanganiso ukuba abantu abazakuqesha ngoosibonda kodwa uyijikile yonke lonto ngoku, kuqasha yena,” utshilo uPhaphu.
Ngethuba abahlali beheshuza phambi kwebhotwe likaZwelibanzi, amapolisa aseBhityi afikile aze abacela ukuba bachithakale. Ukunyanzelisa oku, amapolisa abambe indoda yanye yayokuvalelwa kwisikhululo samapolisa aseBhityi ngezityholo zokudunga-dunga ucwangco koMkhulu.
Ukubanjwa kwalendoda kuvuse umnyele kubahlali abebekuqhankqalazo. Abahlali bashiye oloqhankqalazo bakroza ukuya eBhityi benyanzelisa ukukhululwa kukagxa wabo. Ukupapasha eliphepha, besingekayazi ukuba ikhululwe lendoda kusini na.
Kusenjalo isithethi seKumkani uNkos’ uMfundo Bhovulengwe Mtirara uyikhusele iKumkani kwisigqibo sayo. “IKumkani yeyesizwe, asiyoyaseBumbane kuphela. Abantu kufuneka baqonde ukuba iKumkani ijonga abantu abahluphekileyo xa kukho amathuba engqesho,” utshilo uMtirara.
Inzame zokuqhakamshelana nesebe lezendlela kwakunye nemisebenzi yoluntu ziphanzile.