News

Aqale kakubi amalungiselelo kwinkampu yeBafana Bafana

Pedro Mapelo|Published

IBafana bafana izilolonga imbombela kwinyanaga ehelileyo. mfanekiso Dirk Kotze/Gallo Images) IBafana bafana izilolonga imbombela kwinyanaga ehelileyo. mfanekiso Dirk Kotze/Gallo Images)

Pedro Mapelo

Iqela lesizwe lebhola akhatywayo, iBafana Bafana, limaxhaphetshu kwezi ntsuku ngamalungiselelo etumente yeCosafa.

Phambi kokuphela kweveki ephelileyo, umqeqeshi weli qela uShakes Mashaba ubhengeze amagama abadlali abazakuthi bamele ilizwe loMzantsi Afrika kule tumente izakuqala kule mpelaveki siya kuyo. Izinto azihambanga kakuhle kweli qela kuba abadlali abathandathu bengakwazanga ukufika kwangethuba enkampini ngoMvulo.

UMondli Mpoto, Athenkosi Dladla, Kwanda Mngonyama, Thaphelo Morena, Thamsanqa Sangwweni kwakunye noPhumelele Bhengu ngabo abaphoswe ziziqendu zokuziqeqesha neqela likaMashaba ekuqaleni kwale veki.

Kodwa azimxhalabisanga kwaphela umqeqeshi ezo ndaba kuba esazi ukuba kuninzi obekusenzeka kumaqela ohlukeneyo ePremier Soccer League nawe National First Division.

“Usuku lokuqala enkampini lusoloko lusiqhwalelisa, yinto esiyiqhelileyo - kodwa ke siyazi ukuba bekuphela isizini kwezi ntsuku ziphelileyo. Abanye abadlali bazakuqala bayovela kumakhaya abo phambi kokuba babeyinxalenye yethu. Imeko ka-Athenkosi Dladla noMondli Mpoto yahlukile kuneyabanye kuba isengabantwana besikolo, lo nto ithi kufuneka baqale ngolungisa izinto zesikolo phambi kokuba babeyinxalenye yethu”..utshilo uMashaba.

Umqeqeshi lo weBafana Bafana uthe esona sizathu esibangele ukuba bashiye abadlali abaqhele ukudlalela iqela lesizwe kukuba bafuna ukunika ithuba abadlali abatsha nabo bangazange balifumana ithuba ngaphambili.“Nanjengoko sisazi ukuba sinamaqela amaninzi apha eMzantsi Afrika adlala kumanqanaba ohlukeneyo, ngoko ke kubalulekile simane sinika ingqwalasela amaqela aphaya kwiNational First Division kuba kulapho kukho italente engananzwanga mntu. Wonke umdlali ozalelwe apha eMzantsi Afrika unelungelo lokudlalela iqela lesizwe kwaye ndinethemba lokufumana abadlali abathathu nokuba bane abazothi babeyinxalenye yeqela laBafana Bafana abazokube belungiselela i-Afcon neChan ezakudlalwa kunyaka ozayo”..utshilo uMashaba ngethuba ecacisa ukubaluleka kokunika ithuba abadlali abatsha kwiqela lakhe.Umdlali ongazukubhaliswa kule tumente nguDaniel Cardoso noMzikayise Mashaba ngenxa yokwanzakala. Imidlalo yale tumente izakuqala ngomhla weshumi elinesithandathu kwiphondo laseNorth West, kodwa lona iqela likaShakes lizakundulukela eLusuthu apho lizakufumana imidlalo yokucweya emibini phambi komnye elizakuwudlala neMalawi ngomhla wama-22 kule kaCanzibe eReRustenburg.