East London-07-05-2015 UWinnie Madikizela Mandela uphinde wabhenela enkundleni kuba esafuna umzi ka Mandela oseQunu.umfanekiso Phill Magakoe East London-07-05-2015 UWinnie Madikizela Mandela uphinde wabhenela enkundleni kuba esafuna umzi ka Mandela oseQunu.umfanekiso Phill Magakoe
Sithandiwe Velaphi
Indlu yasebukhosini babaThembu ithi isamile kwilizwi layo lokuba amafa nomyolelo walowo wayesakuba nguMongameli woMzantsi Afrika uNelson Mandela akafanelanga kutshintshwa ngumntu.
Oku kuza emva kokuba lowo wayesakuba yinkosikazi kaMadiba, uWinnie Madikizela-Mandela, ethe wafaka kwakhona iimpepha kwinkundla ephakamileyo eMthatha kuleveki ephendula kumaphepha afakwe ngamagqwetha ajongene nokulilifa kukaMadiba. La magqwetha athi ibango likaMadikizela-Mandela “alinasihlahla.”
Isithethi sendlu yasebukhosini babaThembu uNkosi uDaludumo Mtirara uthi kwintlanganiso eyayibanjwe eQunu kweyoMqungu kulonyaka, kwagqitywa ukuba iiminqweno kaMadiba malunga nekhaya lakhe eliseQunu ayifanelwe kutshintshwa. “Sadibana eQunu sixovula imiba eyayamene namasiko nezithethe sakwaMandela. Sagqiba kulantlanganiso ukuba xa kukho umntu ofuna ukuqonda izinto malunga namasiko nezithethe zakwaMandela kufuneka aye kwiingwevu zekhaya hayi ezinkundleni zamatyala,” utshilo uMtirara kweliphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa izolo.
Ngokomyolelo kaMadiba, ikhaya eliseQunu kufanele libephantsi kweliso lomhlolokazi wakhe uGraca Machel kwakunye nosapho lakwaMandela.
Kwindibano yabaThembu eQunu, eyayikwazinyaswe nanguNkosi uNgangomhlaba Matanzima, kwagqitywa kwelokuba umkhonto wakwaMadiba uzakubaphantsi kolawulo lukaNkosi uMandla Zwelivelile Mandela. Lo nto ithetha ukuba nguye oxakathiswe inyhweba yokuphilisa abantu bakwaMandela ngokwesiko.
Kwelinye icala uMadikizela-Mandela ubanga ngelithi umzi wase Qunu ngumzi wakhe. Uthi kwakungekho mthethweni ukunikeza ngalomzi phantsi kwegama likaNelson Mandela. Ngokwengxelo zamajelo endaba izolo, uMadikizela-Mandela utyhola amagqwetha omyolelo ngokunyhasha amalungelo akhe. Igqwetha likaMadikizela-Mandela uMvuzo Notyesi akakhange afumaneke ukuphefumla.