Kaizer Motaung we Kaizer Chiefs mfanekiso Lefty Shivambu/Gallo Images) Kaizer Motaung we Kaizer Chiefs mfanekiso Lefty Shivambu/Gallo Images)
Pedro Mapelo
Umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi ayomini nje efana nezinye iimini kuba yimini yembali, kaloku abantu beli lizwe ngo-1994, bathi bafumana inkululeko ekwakukudala beyilangazelela - kodwa kulo unyaka le mini ifike ilizwe ligutyungelwe lilifu elimnyama. Oku kwenzeke emveni kokuba lishiywe ngomnye wabadlali bebhola abatshatsheleyo, owaliphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika ezizweni zehlabathi. Ngalo mhla mkhulu bekubekwa uJohn “Shoes” Moshoeu kwikhaya lakhe lokugqibela. Inkonzo yakhe yokugqibela ibizinyaswe ngabadlali bebhola, amagqala ebhola ekhatywayo, iinkokheli zebhola, oosomashishini kwakunye neenkokheli ebeziphuma kwaRhulumente.
Kule nkonzo, uKaizer Motaung umchaze lo kaMoshoeu njengo mntwana wakhe. “Lo ngumdlali wokugqibela esingathi waveliswa yila bhola yethu yase lokishini. Ngumntu obeyigadile kakhulu impilo yakhe kwaye ebeziphethe njenge nene lokwenyani. Phambi kokusutywa kwakhe kukufa besike sancokola ngemiba ethile eyoyamene nebhola”, utshilo oka Motaung
Akhange aphelele apho umnini weKaizer Chiefs, iqela awayelidlalela uShoes Moshoeu ngentsuku zakhe zobutsha nangethuba ebuyele ekhaya emva kweminyaka esondeleyo eshumini edlala ibhola kumazwe aphesheya kolwandle. “Ubomi buka-John Shoes Moshoeu bufanelwe kukwenziwa umfanekiso bhanya-bhanya kuphinde kufundiswe kwangaye ezikolweni zeli loMzantsi Afrika. Sohlala simkhumbula, ndicela umngeni izifundiswa ukuba zenze ibali ngo-Shoes”, uqhube watsho umnikazi weKaizer Chiefs.
“Oko xa ndibukele uCristiano Ronaldo edlala, ndibona umntu ofana ncamashi no-Shoes Mosheou; amandla, ubuchule anabo bokudlala ibhola kwakunye namendu wakhe. Lo ulele apha namhlanje ebengumdlali obezihloniphile kakhulu kwaye esebenza ngokuzimisela. Ulibonisile ulutsha lweli lizwe ukuba umntu ofuna ukuphumelela ebomini kufuneka asebenze ngokuzimisela ngamaxesha onke”, uvale ngalo mazwi uMotaung.
U-Shoes Moshoeu ukhothame ngomhla wamashumi amabini ananye kuTshazimpuzi, kulo nyaka, kwikliniki yaseMorningside ngaphandle kancinane kwaseGoli, apho aswantsuliswe kabuhlungu ngumhlaza. Soze alityalwe ngegalelo lakhe elibanzi kwimpumelelo yeqela lesizwe iBafana Bafana, elabamba indebe ye-Afrika ngo-1996 okokuqala emva kweminyaka embalwa uMzantsi Afrika ubuyele kwibhola yehlabathi. Waphinda wayinxalenye yeBafana Bafana ababedlala okokuqala kwi-FIFA World Cup eyayisingathwe yiFrance ngo-1998.