JOHANNESBURG, SOUTH AFRICA - NOVEMBER 22: Siphiwe Thabalala of Chiefs battling for the ball Mzikayise Mashaba of Sundowns during the Absa Premiership match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at FNB Stadium on November 22, 2014 in Johannesburg, South Africa. (Photo by Gallo Images) JOHANNESBURG, SOUTH AFRICA - NOVEMBER 22: Siphiwe Thabalala of Chiefs battling for the ball Mzikayise Mashaba of Sundowns during the Absa Premiership match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at FNB Stadium on November 22, 2014 in Johannesburg, South Africa. (Photo by Gallo Images)
Pedro Mapelo
Ngokuhlwa kwanamhlanje kuzodibana oomakad'ezondana kwibhola yaseMzantsi Afrika, iMamelodi Sundowns yamkele iKaizer Chiefs kumdlalo ozobanjelwa eLucas Moripe Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe(19:30). Nangona indebe seyiphunyelelwe ngaMakhosi, kodwa kuse kuninzi okusezo dlalelwa ngala maqela ahamba phambili kwiPSL. Ngokuqinisekileyo Amasandawana aya kulo mdlalo enenjongo yokufumana onke amanqaku ukuze bagcine indawo yesibini abakuyo ngoku ezothi ibanike elinye ithuba lodlala kwakhona kwimidlalo yamaqela alapha e-Afrika. Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uvumile kwiveki ephelileyo ukuba ngokwenene iinzame zabo zokukhusela indebe yabo yePSL abayiphumelele kwisizini edlulileyo, ziphanzile - kodwa wayityityimbisela umnwe iKaizer Chiefs ngelithi iqela lakhe lizakuyithatha kunyaka ozayo. Eliqela lasePitoli likwindawo yesibini kwaye kunyanzelekile lidlale ngokuzimisela kule midlalo iseleyo ngokuba kukho amaqela afana ne-Orlando Pirates neBidvest Wits agxeleshe ukufumana indawo kwimidlalo yeCAF kunyaka ozayo. Uphawule wenjenje uJingles phambi komdlalo wabo neChiefs ngokuhlwa kwanamhlanje “Sizakulwa, sifuna ukuqinisa iqela lethu ukuze sikwazi ukufikelela kwindawo engcono kwiCAF Champions League kunyaka ozayo ukuba siphethe isizini sikwindawo yesibini. Ayingomsebenzi olula lowo, kodwa ndizakuzama”.
Amakhosi ayifake engxoweni indebe yePSL kwiveki ephelileyo kusasele imidlalo emithathu, kodwa umqeqeshi uStuart Baxter wayibeka yacaca kwangoko eyokuba alizukubhiyoza eliqela lakhe phambi kokugqitywa kwale midlalo ishiyekileyo.
Lo kaBaxter ukwathe ukuba bangayibetha iSundowns kungamnandi kuye kakhulu kuba ukubuyisa isixhiba. “Ingaba ndiyaphosisa ukuba ndingathi andikufuni ukubetha iMamelodi Sundowns, saphisa ngayo le ndebe kwisizini ephelileyo emva komsebenzi oncomekayo abawenzayo”, utshilo uBaxter.
Kulo mdlalo iChiefs ifuna amanqaku apheleleyo ukuze ithi kratya kulawo yaphumelela ngawo iSundowns kwisizini edlulileyo.