News

Ghana ifuna isiqinisekiso sokhuselo

Pedro Mapelo|Published

Pedro Mapelo

Elinye lamazwe amakhulu ebholeni, iGhana, kuvakala ukuba izakucingisisa isigqibo sayo sokuthatha inxaxheba kwitumente ye-COSAFA ezakudlalelwa kweli loMzantsi Afrika ukusukela ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kutsho kowamashumi amathathu kwinyanga ezayo. Ukuthandabuza kwelilizwe kubangelwe luhlaselo ebelujoliswe kubantu bamanye amazwe luphenjelelwa ngabantu balapha eMzantsi Afrika. Ziziganeko eziphele kusweleke ababantu abasixhenxe bonke, kwalimala abantu abaliqela.

Yilonto ekhathaze kakhulu ooRhulumente nabanye abantu abaninzi kwihlabathi,urhulumente, iinkokheli zeCawa beze namaphulo akhuthaza abantu belizwe ukuba babathande bahlale nababantu abandwendwele kweli loMzantsi Afrika ngomoya woxolo.

Ilungu le sigqeba esilawulayo kwibhola yaseGhana, uFred Pappoe, uthe ukuhlaselwa kwabantu bezizwe zalapha e-Afrika kwenza ukuba bacinge nzulu ngokhuseleko labo xeshikweni bezokudlala iCOSAFA apha eMazantsi e-Afrika.

“Asikafumani siqinisekiso malunga nokhuselo olusuka kubaququzeleli baletumente, ngaphandle komyalezo esiwufumene kwi-South African Fooball Association kwiveki edlulileyo”, utshilo uPoppoe

Le ndedeba kuvakala ukuba ixelele isikhululo sosasazo sase-Ghana ukuba akukho nto ibabophelelayo ukuba babekhona nokuba iimeko azibavumeli, ayotumente esinokohlwaya ngayo le ngokuba nathi simenyiwe nje ukuba sithathe inxaxheba.

Amazwe amabini; iGhana kwakunye neTanzania amenywe kuba i-Angola neComoros Islands zingazukwazi ukudlal kule tumente.

Elinye lamazwe ebekuvakala ukuba lincwase ukuyikwaya le tumente yi-Zimbabwe kodwa ezongxelo zikhatyiwe ngumbutho webhola kwelalizwe. Le tumente yeCOSAFA yaqala ngonyaka ka-1997, ibike yanqumama kunyaka ophelileyo ngokuba phakathi kwezinye izinto ebezisokoliswa kakhulu abaququzeleli, ibikukufumana inkampani ezoxhasa le tumente - kodwa zonke ezo zinto ngoku zilungisiwe. Kule tumente kulindeleke ukuba isetyenziswe njengesixhobo sokwakha uxolo nothando phakathi kwabantu bezizwe zase-Afrika, okunye okulindelekileyo kukubonakaliswa kwebhola enophawu loxolo.