Danny Jordaan no Irvin Khoza umfanekiso Lefty Shivambu / Gallo Images Danny Jordaan no Irvin Khoza umfanekiso Lefty Shivambu / Gallo Images
Pedro Mapelo
Umongameli we-South African Football Association, uDanny Jordaan, umqeqeshi we-Bafana Bafana uShakes Mashaba kunye nosihlalo we-Orlando Pirates u-Irvin Khoza, bathethe ngazwinye kule veki bevakalisa ukuchasa kwabo uhlaselo ebelujoliswe kubantu bamanye amazwe alapha e-Afrika ligcuntswana labantu kweli. Ezi ziganeko zaphenjelelwa ziziJem-jem ezingena nceba, zaqala eThekwini kwiveki engaphaya kwale iphelileyo zaze zanwenwela kwiphondo lese-Gauteng kwveki ephelileyo. Iinkhokheli phantse macala onke zilukhalimele kakhulu olu hlaselo obelujoliswe kubantu bamanye amazwe, abasebenza kweli, nesele bethatha ilizwe loMzantsi Afrika njenge khaya labo.
“Nathi singabalapha kweli lizwekazi le Afrika. Amaqela ethu aphuma engena kwamanye amazwe alapha e-Afrika. Sithi hayi ngokuhlasela abantu bezinye izizwe ngokuba ibhola ekhatywayo adlala indima ebalulekileyo ekuziseni uxolo kwelilizwe,” utshilo uJordaan.
Naye umqeqeshi weBafana Bafana uphose awakhe amazwi akhuthaza abantu ukuba bahlalisane ngoxolo. “Le nto yenzekayo ichasene kakhulu nobu-Afrika”, utshilo uMashaba. Kanti yena usihlalo we-Orlando Pirates, u-Irvin Khoza uthe makuthathwe amanyathelo aqatha ngakwaba bantu benza lento. Yonke le yenziwa ngabantu abaziwayo ekuhlaleni, mabavalelwe. “Kuzo zonke indawo esihamba kuzo kwelilizwe le Afrika samkelwa ngezandla ezishushu, bonke ababantu benza lento imbi kangaka abalithandi elilizwe lethu, ngoonqevu nje abaphembelela udushe. Singaba lawuli bebhola sithi mayiphele lo nto,” utshilo
Kwakulo msitho mnye, umongameli welizwe, uJacob Zuma, ukhumbuze abantu boMzantsi Afrika ngendima eyadlalwa ngamanye amazwe ngethuba lengcinezelo. “Saya kwezinye ezizwe nathi singenawo amaphepha-mvume wokuhlala asemthethweni, sahla kwaye zange sigxothwe ngokuba babesibona nje ngabantu abanye. Bona babesithatha nje ngoSisi nobhuti babo. Masiphathane kakuhle sonke singabantu balo lonke ihlabathi,” utshilo uZuma.