Nkosehlanga Raziya
Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSAFA, kwingingqi ye-OR Tambo kwiphondo leMpuma Koloni, isebe lezemidlalo ephondweni, kunye nomasipala iKing Sabatha Dalindyebo ngoLwesithathu babambe intlanganiso malunga nokugqityezelwa kolwakhiwo le Mthatha stadium, ekwakufanele ukuba yenziwe yagqitywa phambi kwendebe yehlabathi eyayisindlekwe nguMzantsi Afrika ngo-2010.
Ngalomhla bekulindeleke uMphathiswa wezemidlalo kuzwelonke uMnu.Fikile Mbalula abeyinxalenye yalo mhlangano kunye nomongameli wombutho weBhola ekhatywayo kweli uGqirha uDanny Jordan, kodwa konke oko akwenzekanga ngokwesicwagciso.
Kuvakala ukuba umongameli weSAFA, uJordaan ubizwe ngumongameli welizwe uJacob Zuma kunye namagosa karhulumente kwintlanganiso ekhawulezileyo malunga nalomcimbi wokuhlaselwa kwabemi bangaphandle ngabemi balapha kweli loMzantsi Afrika, logama yena umphathiswa Fikile Mbalula ebexakekile zingxongxo ezimalunga nohlahlo lwabiwo mali, lo nto yakhokelela ekubeni naye angabinalo ithuba lokuzimasa le ndibano ibise Mthatha.
Kodwa iqhubile yona intlanganiso ngaphandle kwabo bobabini nalapho owongamele iSAFA, eOR Tambo, umnumzana uXolile Nkompela uqale wachaza imeko ebakhathazayo yokungade kugqitywe ukwakhiwa kwebala lebhola laseMthatha elaqala ukwakhiwa namabala aweyelungiselwa indebe yehlabathi afana Nelson Mandela Bay Stadium, Mbombela Stadium kunye namanye nasele agqitywa kudala.
Imali eyakhutshelwa iMthatha Stadium yayiphaya kwi-R200 Million, yayibekelwe ukuba lenziwe ligqitywe ukuze libesemgangathweni wokuba kudlale namaqela wePSL, kodwa kuyabonakala ukuba lo mali yayinganelanga ngokwemfuno zalo, kuba sithetha nje elibala alinazo izitulo zokuhlala kumacala amathathu ebala; emva kwepali zombini kunye nakwelinye icala kwaye alibiyelwanga ngocingo olukhusela abadlali.
Ezinye zezinto ezizafunekayo kwelibala, yindawo yokubaleka ekwizinga eliphezulu kwimbaleki ukuze zikwazi nokuziqeqesha kulo kwakunye nezibane zokukhanyisa ezikumngangatho ophezulu.
Ingca etyalwe kwelibala kuvakala ukuba lingasetyenziswa kumdlalo wombhoxo, bongeza ngelithi ngokwezinga lalo, imeko icacisa mhlophe ukuba elibala ngokwenene bekulemele ukuba lithelekiswa neNelson Mandela Bay Stadium ngokomngangatho walo.
UNkompela, ongu mongameli weSAFA e-OR Tambo, uthi imali eyakhutshwayo ukuba kwenziwe elibala yayincinci kakhulu. Lalingena kukwazi ukuba kwizinga eliphezulu njenge Mbombela Stadium eyakhiwa nge-R1,5 Billion, kwaye lo nto ichaza mhlophe nje ukuba kusadingeka isixa semela ukuze kugqitywe ukwakhiwa kwalo.
“Ndihlala ndizibuza umbuzo othi; ukuba besineqela elidlala kwiNFD ngelidlalela phi na bethu? xa sinebala elikulemeko kwaye abantu abayithandi le nto yamaqela aseMthatha asoloko efudukela eMonti ngenxeni yamabala akwisimo esingancumisiyo” uqhube watsho uMnu uNkompela
Kodwa ukwathe bayayivuyela inkxaso abayifumana kumasipala weKSD nalapho ebesithi bayancendiswa ukuba bagcine ibala lisemngangathweni.
“UMasipala ukhuphe isiniki xabiso esikwi R500,000 ukuba kubekho inkampani ezakubiya apha ebaleni ukuze abadlali bazokukhuseleka xa bedlala.
R770 Million yeyona mali esiqikelelayo ukuba siyayidinga ukuze kugqityezelwe ukwakhiwa elibala libeyilento siyifunayo. Ukuze sizokwazi ukusingatha nawuphina umdlalo, nanku uMthatha Bucks uqhuba kakuhle kwiABC Motsepe League kwaye ngoku sizimisele ukuphakama sincendisane, sizame nemali kwindawo zonke ezinokwazi ukusincendisa”..ulebele ngelitshoyo Nkompela
Ukanti obephuma kwisebe lezemidlalo ephondweni, uBafundi Makhubalo, uthe nabo bazibophelele ekuncendiseni ukuba kwenziwe elibala ligqitywe kuba xa lingande ligqitywe lo nto iyakuxela ukuba kuzabanzima ukuvelisa abadlali kulo mmandla.