News

Siwulungele umdlalo wanamhlanje - Baxter

Pedro Mapelo|Published

Pedro Mapelo

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uStuart Baxter, ulungiselela owona mdlalo ubalulekileyo kule veki nozakuqinisekisa ukuba ngenene iqela lakhe liphetha le sizini ka-2014/15 lizintshatsheli - kodwa lo nto izakwenzeka ukuba babetha iPolokwane City kumdlalo abazowudlalela ekhaya ngoLwesithathu.

Akukho xinzelelo ngokuba Amakhosi asenayo imidlalo futhi ankqenkqeza phambili ngamanqaku akuma shumi amathandathu kule sizini emva kokuba iMamelodi Sundowns, ekwindawo yesibini kuluhlu lwe-Absa Premier Soccer League, ixingile emva kokubethwa yiBloemfontein Celtics kwiveki ephelileyo. Yona iChiefs ibe nethamsanqa kweli ityeli ngokuba emveni kokuba ibethe iUniversity of Pretoria phakathi evekini, kuye kwacaca ukuba izinto sezingecala layo - lo nto ithi amakhwenkwe kaBaxter aya kulo mdlalo wanamhlanje edinga amanqaku amathathu nje kuphela.

Kubonakala ngathi Amakhosi asifundile isifundo sonyaka ophelileyo emva kokuhluthwa intlaka emlonyeni yiMamelodi Sundowns ngomzuzu wokugqibela, nto leyo eyashiya amawaka-waka abalandeli bekhathazekile. Ethetha ngezinto ezenze umahluko kulo nyaka, uStuart Baxter, uthe zibekhona izinto abazifundileyo kwisizini edlulileyo, neenguqu abazenzileyo kwiqela lakhe zibe nalo igalelo kodwa akubalule kakhulu kukuba abadlali bakhe bafumene amava kuzo zonke izinto ezenzeke kwisizini edlulileyo. “Thina sizincede ngokuqokelela amanqaku kuse lithuba nangona bekukho imiceli-mngeni efanayo naleyo yesizini edlulileyo. Enye into esincedwe yiyo ngamava esiwafunxe kwiimpazamo esizenze kwisizini edlulileyo. Sizakwenza iinguqu phaya naphaya ngokuba siyayazi yingozi iPolokwane City,” utshilo umqeqeshi.

La maxhwangusha aseNaturena angazenzela imbali entsha kwiPSL ukuba ayayiphumelela yonke le midlalo imbalwa ishiyekileyo, lo nto ingabenza ibengabo abaphumelele iPSL ngamanqaku amanintsi kunamanye asele eyiphumelel lendebe ngaphambili. Uyabuya umqeqeshi emva kokukhutshwa ngethuba bedlala neBlack Leopards kwiiveki ezintathu ezadlulayo.