Intandane negqala le bhola ekhatywayo Shoes Moshoeu uthe wasutywa kukufa,emva kwexesha elide egula sisifo soMhlaza.umanekiso Gallo Images Intandane negqala le bhola ekhatywayo Shoes Moshoeu uthe wasutywa kukufa,emva kwexesha elide egula sisifo soMhlaza.umanekiso Gallo Images
Pedro Mapelo
Ibhola ekhatywayo iphantsi kwelifu elimnyama kwakhona emva kweendaba ezilusizi ezivakele emva kwemini yangoLwesibini ezithi uJohn “Shoes” Moshoeu uswelekile.
Le ndedeba eyayidlalela aBafana Bafana isutywe kukufa emva kwengulo eqale yamlalisa ithutyana esibhedlele kwinyanga yoKwindla. Iingxelo zithi unikezele emva kwemini izolo ekwiKliniki yaseMorningside, apho ebeleliswe khona okwesibini ngenxa yempilo enkene-nkene.
UShoes waqala ukudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu kwi-Giant Blackpool, phambi kokudlalela iKaizer Chiefs apho wazenzela khona udumo phambi kokuntingela kumazwe aphesheya. Kwilizwe lase-Turkey apho ahleli khona iminyaka eliqela, udlalele amaqela amakhulu aquka i-Genderbirligi, Fenerbahce kwakunye neBursaspor. Umfi lo wabanegalelo elikhulu kakhulu kwimpumelelo yoMzantsi Afrika ngethuba aBafana Bafana bephumelela i-AFCON ngo-1996.