News

Oosomashishini babhunga ngombane

Sithandiwe Velaphi|Published

SITHANDIWE VELAPHI

Indibanisela yoosomashishini baseMonti, kuKomani neendawo ezingqongileyo icebisa onke amashishini jikelele ukuba avundle, futhi athi gqolo ukusezela ukuba zeziphi izixhobo zombane ezingawancedisa kulocimi-cimi ka-Eskom.

I-Border-Kei Chamber of Business (BKCOB) ezinze eMonti ithi, oosomashishini mabangayibaleki eyokuba ucimi-cimi wombane othe tshitshilili kweli, uzakuwa chaphazela amashishini awo.

Umlawuli weBKCOB uLes Holbrook ethetha neliphepha-ndaba uthi ukuphulukana neeyure ezimbini kushishino ngosuku ngenxa yokucima kombane yinto enkulu. “Oko kungalichaphazela ngokumandla ishishini ,” utshilo uHolbrook.

UHolbrook uthi ilahleko kwingeniso yeevenkile ezithengisa ukutya ayinambaliso. Uthi kwankqu nomatshini wokuphehla umbane (generator) uneendleko oza nazo, kuba usebenza ngamafutha. “Abamatshini, kwakhona, abakwazi ukuthwala wonke umthwalo weemfuno zeshishini ukogqitha umbane lo wesiqhelo,” utshilo uHolbrook.

UHolbrook uthi xa oosomashishini bezifundisile malunga nalocimi-cimi wombane, ifuthe lizakwehla. “Oosomashishini kufuneka bazi ukuba umbane wabo uqhawuka nini kwaye uzakuthatha ixesha elingakanani ukubuya,” utshilo uHolbrook. Uthi ucimi-cimi wombane usezakuthi gqolo usenzeka. “Zikhona iinkampani ezifundisa ukonga umbane. Kubalulekile ukuba oosomashishini bazi ukuba bangenza njani ukonga umbane, kuba le yokuba umntu athi asiyongxaki yakhe into yokucima-cima kombane ayizukunceda tu,” utshilo uHolbrook.

UMphathiswa wamashishini karhulumente, apho u-Eskom aqamele khona, uLynne Brown, uthi ucimi-cimi wombane usezakutsho qho kweli. UBrown ubongoze abantu ukuba bonge umbane kangangoko banako. UHolbrook uthi oosomashishini kufuneka bathi gqolo ukutyelela iwebhusayithi yakwa Eskom.

“Kubalulekile ukuba sithi gqolo ukuyityelela iwebhusayithi yakwa Eskom. La webhusayithi ineengcebiso zokonga umbane, ezingaluncedo,” utshilo uHolbrook.