Pedro Mapelo
Abalandeli beqakamba abangenayo imali yokubhatalela iinkqubo zikamabona-kude ohlawulelwayo bazakusokola ixesha elide kuna ngaphambili ukuba akude kufumaneke icebo lokuzisa lo mdlalo ebantwini, ngakumbi iimpula zikalujaca. Oku kuza emveni kokuba umbutho olawula iqakamba, iCricket South Africa(CSA), ubhengeze ukuba ityikitye isivumelwano esitsha neSuperSport International. Esi sivumelwano sizakuthatha iminyaka emithandathu.
Isivumelwano esitsha phakathi kwala maqela mabini sizakuqala ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo kulo nyaka ka-2015, kwaye kulindeleke ukuba siphelelwe lixesha kwekaCanzibe ngo-2021.
Inkampani kamabona-kude ehlawulelwayo, iSuperSport, yiyo ezakusasa ngqo yonke imidlalo yeqela lesizwe ezakudlalelwa apha ekhaya. Okunye okuvunyelwene ngako kukuba iSuperSport izakudlala indima ephambili ekuphakamiseni umdlalo weqakamba nemisebenzi yeCSA equka iRam Slam T20 Challenge kunye neMomentum One-Day Cup.
Ingqwayi-ngqwayi yeCricket South Africa, uHaroon Lorgat, usithethelele isigqibo sabo sokwandisa ubuhlobo nentsebenziswano ephakathi kwabo neSuperSport. “Siyayazi iqakamba ngumdlalo ohamba phambili. Okubalulekileyo ngesi isivumelwano kukuba sizakuphakamisa umdlalo weqakamba phantse kuwo onke amanqanaba, sonwabile bubukho beSuperSport njengelinye lamaqabane ethu,” utshilo uLorgat.
Nomnqweno wejelo losasazo loluntu iSABC wokusasaza imidlalo yeqakamba siyawubulela ngoba nabo bangenayo iSuperSport bazakufumana ithuba. “Lo unyaka uphelileyo sisebenze kakuhle kakhulu neSuperSport kwaye sinethemba lokusebenza kakuhle nakweli ityeli,” ivale ngalo mazwi ingqonyela yeCSA.