News

Ubuye negolide uBayi Bayi

Pedro Mapelo|Published

East London-20-04-2015 Phumeza Bayi, yimbethi manqindi yaseQueenstown enekamva eliqaqambileyo, nebuye nembasa kwimidlalo kazwelonke. East London-20-04-2015 Phumeza Bayi, yimbethi manqindi yaseQueenstown enekamva eliqaqambileyo, nebuye nembasa kwimidlalo kazwelonke.

Odwa Mbalo

Ibuye nendumasi intwazana yaseKomani ebidlala kwitumente ka zwelonke yamanqindi ebibanjelwe eFreyistata kutshanje. UPumeza Bayibayi ominyaka elishumi elinesibhozo, ubuye nembasa yeGolide emva kokubetha imbethi manqindi yephondo lakwa Zulu Natal ngamanqaku amathathu. Lo ka Bayibayi ngoku yintshatsheli yamantombazana kuMzantsi Afrika kwicandelo lamanqindi la mantombazana anobunzima obungamashumi amane anesibhozo (48 KG) kudidi lwempukane eselula (Junior fly weight ngolwase mzini). Le ntombi ke ifunda ibanga lethoba kwisikolo samabanga aphakamileyo Ekomani iNkosemntu Mosmane.

Kwincoko ayenze neli phephandaba, I'Solezwe, uBayibayi uthe unemincili kakhulu nge mpumelelo yakhe kwaye akanamazwi okubulela bonke abantu abathe banegalelo kwimpumelelo yakhe. “Ukudlala amanqindi ndikuqale ngonyaka ka-2013 apha eKomani kwaye ndavele ndawathanda. Abantu ebendibukela kubo nendinqwenela ukudlala njengabo ngongasekhoyo uBaby Jake Matlala kunye no Noni wase Monti,” utshilo oka Bayi Bayi.

Le ntwazana iqhube yathi imfihlelo yakhe kukuzinikezela , ekusebenzeni nzima, ukoyika uThixo nokuhlonela abantu abadala. Wenze amazwi ombulelo naku mqeqeshi, uFrans Mawonga, esithi akango mqeqeshi nje kuphela kuye koko ukwa nguye nomzali. “Ndingathanda ukubulela umakhulu wam no tat'omkhulu wam ngenkxaso abandinike yona, bendingekhe ndibelapha ngaphandle kwabo ndinqwenela ukuba uYehova andigcinele bona,” utshilo oka Bayi Bayi.

Le ntwazana ithi baphila ngemali ye nkam-nkam kokwabo, kodwa lo nto zange imtheze amandla ekuzimiseleni abe yintshatsheli yoMzantsi Afrika. “Imvelaphi yakho embi ayithethi kuthi nengomso lakho malibe libi,” ivale ngelitshoyo le ntshatsheli.

Umqeqeshi we Tabo Boxing Club, Frans Mawonga, naye uthe uyazidla kakhulu ngokukhupha intshatsheli enje ngo Bayibayi. Uthe ayimothusanga impumelelo ka Bayibayi kuba ebesoloko ebonakalisa iimpawu zobuntshatsheli. “UPumeza usebenza nzima gqitha ebaleni nangaphandle kwaye ngumntwana othobeke nohlonipha kakhulu,” utshilo umqeqeshi. Uqhube wathi akukho mfihlelo kokuqinisekisa ukuba abadlali bakhe bafika rhoqo kwaye ngexesha ejimini. “Okwesibini xa ungumdlali kubalulekile ukuba ummamele umhlonele umqeqeshi wakho ungamoyiki umthathe nje ngozali kwa nomhlobo wakho. Okokugqibela uzazi ukuba unguba uphuma phi kwaye ufuna ukuya phi ebomini kwaye ndingathi huntshu ku Pumeza ukwand kwaliwa ngumthakathi,” utshilo lo mpondo zihlanjiwe womqeqeshi nosele eneminyaka eliqela eqeqesha.

UFrans ukwathe akakaqiniseki ukuba bazakuya kudlala phi kodwa okwangoku banomdlalo wange mpelaveki ezayo eKomani, ngenjongo zokuzigcina besemandleni. Ukuze xa kuvela ezinye iitumente ezinkulu babe bezilungele kodwa esitsho ukuba unayo iminqweno yokubona uPumeza esiya kudlala phesheya kwezilwandle.

Uvale ngokucebisa ulutsha ukuba maluzimanye nezemidlalo lohlukane neziyobisi notywala nazo zonke izinto ezingendawo ezingalu tshabalalisela ikamva. Ekwahlaba nekhwelo lokunqanda uhlaselo olujoliswe kubemi bangaphandle esithi sonke singamaAfrika masingazenzi izilwanyana sizihlekise ngezinye izizwe.

Abahlali base Komani kumasipala i-Chris Hani bavakalise imigcobo yabo ngokuzala intshatsheli enje ngale besithi aqhube ababeke emephini.

Ubuye negolide uBayi Bayi