News

Abuye nenqaku Amabhaka-bhaka

Pedro Mapelo|Published

Pedro Mapelo

Ithemba loMzantsi Afrika kwimidlalo yeCAF edlalwa ngamaqela atshatsheleyo apha e'Afrika, i-Orlando Pirates, lilwe kwamdaka iisali ngethuba libuya nenqaku emva kokubambana ne-CF Mounana ngamagowuli amabini macala kumdlalo we-Confederation Cup obubanjelwe eStade Augustin Monédan de Sibang ngeCawa edlulileyo.

Abadlali abaqale umdlalo njenga malalela, uLehlohonolo Majoro noThabo Rakhale ngabo abaze namagowuli ancede Amabhaka-bhaka abuya nento kumlenze wokuqala obukude nekhaya. Iqela loMzantsi Afrika belihamba emva nanjengoko ingabasindleki abatsazise igazi kuqala kodwa ibhola kaRakhale iwutshintshe kakhulu umdlalo. Lo mdlali usebenzise ubuchule bakhe bokudlala ibhola ekhatywayo ngethuba edlula kubadlali basemva beCF Mounana phambi kokubhalisa igowuli le ndwendwe.

Kulo umdlalo, unozinti we-Orlando Pirates, uBrighton Mhlongo, ubuye nodumo emva kokuba ehlangule iqela lakhe amatyeli aliqela kwisiqingatha sokuqala. Iqela ebelidlalela ekhaya lihlasele kuqala kwaye libonise kwangoko ukuba lifuna ukuwuphumelela umdlalo.

I-Maunana ingcangcazelise umnatha emva kwemizuzu engamashumi amathathu kwisiqingatha sokuqala, oku kwenzeke emveni koku abadlali be-Orlando Pirates basemva benike iMounana ithuba lokufaka inqaku.

Kuthe kanye xa ingamashumi amathandathu umdllalo uqhuba, wenza impazamo u-Ayanda Gcaba, mpazamo leyo enike elaqela igowuli lesibini. Khange aphozise maseko u-Eric Tinkler, wafaka ifolosi uLennox Bacela kunye noThabo Rakhale, kwaye zezo nguqu kanye ezithe zanceda Amabhaka-bhaka.

I-Sea-Robbers zizo kuphela ezishiyekileyo kule midlalo yeCAF

emva kokuba amaqela amathathu akhutshwa kwangoko kule midlalo. Umlenze wesibini walo

mdlalo uzakubanjelwa kweli loMzantsi Afrika

kwisithuba seeveki ezimbini ezizayo.