News

Uzakuqala umsebenzi wokwakhiwa kwendlela eya eBumbane

Sithandiwe Velaphi|Published

SITHANDIWE VELAPHI

Kulindeleke ukuba uqale umsebenzi wokwakhiwa kwendlela esuka kuhola uN2 isiya kwikoMkhulu labaThembu eBumbane ngaseMthatha.

Olu lwakhiwo lukhe lema emva koqhankqalazo lwabahlali beelali ezingqonge ibhotwe laseBumbane.

Oku kuza emva kokuba abahlali belali ezahlukeneyo, kude kufuphi nebhotwe leKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, bethe babamba uqhankqalazo kwezintsuku zidlulileyo betyhola iKumkani besithi ibenomkhethe ngethuba iqasha abantu abazakusebenza kulendlela.

Abahlali abaphuma kwilali yaseBumbane, eMkhwezeni, eMdilikweni, naseNkalweni babambe umngcelele ngentsasa yanamhlanje besiya kwibhotwe likaKumkani ngenjongo zokunyanzelisa ukuba baqashwe nabo.

Ababahlali bathi uKumkan’ uZwelibanzi uqeshe abantu bangaphandle kwilali eziphacazeleka kulwakhiwo lwendlela.

Umhlali waseBumbane uSimphiwe Phaphu uthi emva kwendibano izolo, kugqitywe ngelithi umsebenzi mawuqale. “Thina bahlali beelali sizakwenza umgama ongangee-khilomitha ezintathu ze abantu bangaphandle kwiilali zethu benze ezabo iikhilomitha ezintathu,” utshilo uPhaphu.

Ngethuba abahlali beheshuza phambi kwebhotwe likaZwelibanzi kwiveki ephelileyo, amapolisa aseBhityi afikile aze abacela ukuba bachithakale.

Kusenjalo isithethi seKumkani uNkos’ uMfundo Bhovulengwe Mtirara uyikhusele iKumkani kwisigqibo sayo. “IKumkani yeyesizwe, asiyoyaseBumbane kuphela. Abantu kufuneka baqonde ukuba iKumkani ijonga abantu abahluphekileyo xa kukho amathuba engqesho,” utshilo uMtirara. UMtirara uthi umsebenzi wolwakhiwo uzakuqala kungekudala.