Xa ndikhangele imeko yezopolitiko eMzantsi Afrika inditsho ndikhumbule ababhali abafana nembongi yaseXhalanga, ubawo uJames James Rhanisi Jolobe kumbongo wakhe othi “Ukwenziwa koMkhonzi” kwincwadi yakhe ethi Umyezo. Ukubona ilizwe liqhubeka ukukekelela kwantsonga nyawana ngokumana sibona inguqu ezivela zingxamile, phofu zonke zinefuthe elithile kwimpilo nentlalo yabantu. Xa enabisa imvakalelo yakhe kulo mbongo ubawo uJolobe uthetha ngokujikwa kwento ekhoyo yenziwe ukuba ifanele lowo unegunya ngeloxesha, ukwa cacisa oku ngokubonisa ukuba nabani obotshwe izandla uba sisisulu kwigwala eliphethe igunya.
Uhamba abenendawo ezibonakalisa ukuba lowo uba esiva kabuhlungu ngeloxesha uba enobunganga bokunyamezela lomeko ikhoyo okanye iqhubekayo. Khumbula ukuba lo mbongo ubalwe ngexesha apho ilizwe loMzantsi Afrika beliphantsi kolawulo lorhulumente wobandlululo. Ngobuchule bombhali bufihlakele ubushushu bakhe obudalwa yile meko ebangele ukuba abhale lo mbongo. Xa ukhangele inguqu ezenzeka kwimibutho yezopolitiko, ingakumbi kumbutho wabasebenzi iCosatu, kusishiya nombuzo wokuba ingaba akukho bani wenziwa umkhonzi wento angafuni kuyikhonza kule meko.
Le meko iphinda indihlekise indikhumbuza ngombhalo kabawo uRustum Siyongwana apho athetha khona ngobuqili obusetyenziswa zizinja ukuqhatha abanikazi bazo zikhalazela indlela eziphethwe ngayo ziyithelekisa nomsebenzi eziwenzayo, phofu zihamba ziqhathane kwazodwa. Ubawo uSiyongwana naye ukwazile apha ukusebenzisa ibali lezinja efihla imeko ethile ibisenzeka ngeloxesha. Ilizwe elinenkululeko yokubhala njengeli linika ababhali ithuba lokuba babhale ngemeko eqhubekayo kule mihla yokuphila kwethu. Ingaba ebebhekiselele kwizinja nabanikazi bazo? impendulo ithi hayi. Kodwa ebethetha ngemeko yezopolitiko ebigquba ngeloxesha.
George Orwell kwincwadi yakhe ethi “Animal Farm” naye usebenzisa ubuqili bakhe ebonisa imeko yezopolitiko exakileyo ngokuthi asebenzise izilwanyana zidlale kwelibali. Izilwanyana apha ziqhathana zodwa ezinye zifuna ukuba ngasentla kwezinye, ezinye zinyamezele kodwa kamva zenze amacebo okuzikhulula kulo ngcinezelo. Ingaba ilizwe loMzantsi Afrika likwimeko enjalo kwakhona emva kweminyaka engamashumi amabini singene kwinkululeko.
Yintoni le iqhubeka kwimeko yezopolitiko yelizwe loMzantsi Afrika, ingaba sikwixesha elifana nelo elabangela ubawo Jolobe wase Xhalanga abone umbono wokwenziwa koMkhonzi esenziwa inkatyana yedyokhwe. Ingaba sikwixesha elifana nelo ubawo uRastum Siyongwana wathi wabona ukuba asebenzise izilwanyana ukuchaza intlungu yakhe okanye intlungu awayeyibona, kwenzeka ntoni ngenene?
Xa uzifaka ezihlangwini zomntu otsalelwa imali inyanga nenyanga kuhlawulwa into ebizwa ngokuba ngumbutho omele abasebenzi, ude ufike kwiqondo lokuzibuza ukuba ingaba lo mbongo kabawo uJolobe wawungaxeli elixesha, okanye uGeorge Orwell wayethetha ngoobani, kanjalo uSiyongwana yena wayezama ukuthini.
Ngubani na ke oyakusikhulula esisizwe, kwezimeko zimacimici sizibonayo? Ngubani oyakusimela esisizwe ngenene nenyaniso, ingaba sidinga ubulumko obunjengezizilwanyana athetha ngazo ubawo uSiyongwana no George Orwell?