Umqeqeshi weSundowns uPitso Mosimane .umfanekiso Lefty Shivambu/Gallo Images) Umqeqeshi weSundowns uPitso Mosimane .umfanekiso Lefty Shivambu/Gallo Images)
Pedro Mapelo
Abalandeli beMamelodi Sundowns bashiyeke bethe khunubembe emva kokuba iqela labo libethelwe oogqirha nezicaka yiBlomfontein Celtic ngamagowuli amahlanu eqandeni kumdlalo we-PSL obubanjelwe eLucas Moripe Stadium phakathi evekini. Iqela laseFree State ligqagqanise kwangoko laxel’umgqakhwe ugoduka ngokuthi lifake igowuli lokuqala kwangomzuzu wokuqala, uLerato Lamola oyifolosi nguye owenze lo monakalo ibiligowuli lakhe leshumi elinanye kule sizini. Ngomzuzu weshumi elinanye iBloemfontein Celtic ivalele emnatheni elesibini ngoncedo lukaFrank Mhango odlule kunozinti weSundowns, uDenis Onyango. Iinzame zamakhwenkwe kaPitso Mosimane ziwe phantsi – kodwa izinto zijike zamuncu ngakumbi emva kokuba unozinti, u-Onyango, ekhutshwe ngekhadi elibomvu ngenxa yokudlalisa ifolosi yeCeltic kakubi. Siphele isigaba sokuqala iindwendwe (Celtic) zinkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini kwinto engekhoyo. uThapelo Morena noMusa Nyatama bongeze amabini phambi kwelokugqibela elifakwe nguMhango.
Ukuxinga kwayo iMamelodi Sundowns kunciphise amathuba wayo wokuvala umsantsa phakathi kwayo neKaizer Chiefs ehamba phambili, ngakumbi emveni kokuba Amakhosi efumene amanqaku amathathu kumaTuks ebutsheni beveki le. Ngoku iDowns ihleli kwindawo yesibi ngamanqaku akumashumi amane nesixhenxe.
Ukubethelwa ekhaya ngolwahlobo yinto umqeqeshi angakhange ayicinge ngakumbi esazi ukuba basenomdlalo omnye osesandleni. “ICeltic ibihleli emva kulo mdlalo, icebo layo lisebenzile ngokuba basebenzise kakuhle izikroba ezivulekileyo xa sihlasela, “ utshilo uPitso.
Into esichane kakhulu kulo mdlalo ziimpazamo ezimbini esizenze kwisigaba sokuqala somdlalo kwakunye nokukhutshwa kuka-Onyango, andibagxeki ngezozinto ngokuba benze ezozinto bebedlala. Ukubethwa ngoluhlobo asinto eyamkelekileyo, izinto ezinje ziyenzeka ebholeni – kodwa ndicinga ukuba kubalulekile ukuthi ngxe kubalandeli beMamelodi Sundowns ngale nto. Sidlalile apha ukusukela kumzuzu wokuqala ukuyotsho ekugqibeleni kodwa ngelishwa izinto azihambanga kakuhle,” uvale ngalo mazwi uJingles.