News

I’solezwe yinqwelo yothutho-ndaba: Masualle

Sithandiwe Velaphi|Published

Sithandiwe Velaphi

INkulumbuso yase Mpuma Koloni uPhumulo Masualle, uliqhwabele izandla inyathelo lenkampani i-Independent Media, nephethe I’solezwe lesiXhosa, esithi isigqibo esithabathileyo sokupapasha iphepha-ndaba lesiXhosa lantsuku-zonke kweliphondo linyathelo elibaluleke kakhulu kuphuhliso lolwimi lwenkobe.

UMasualle ebethetha eRegent Hotel, eMonti ngoLwesithathu kumsitho wokusungulwa ngoku sesikweni kwephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa. Lo msitho ubuzinyaswe nguSihlalo we-Independent Media, uGqirha Iqbal Survè, kuquka noluntu oluphuma nkalwana zonke zephondo.

UMasualle uxelele abathunywa kulo msitho ukuba urhulumente wephondo uyalamkela I’solezwe lesiXhosa. “Yimbali le niyenzileyo,” utshilo kubaphathi be-Independent Media. “Eli phepha ndilifanisa nenqwelo yokuhambisa ulwazi ilusa kubantu bonke beliphondo laseMpuma Koloni. Ndiyavuya kakhulu ukuba yinxalenye yomsitho wokusungulwa kweli phepha-ndaba,” utshilo uMasualle.

Uthi eli phepha-ndaba kufuneka lincede ukupapasha iindaba ezichaphazela abantu base Mpuma Koloni. UMasualle ubalule amaphepha afana ne-Imvo Zabantsundu kwakunye neSigidimi samaXhosa, esithi ngamaphepha-ndaba abepapasha iindaba ngolwimi lwenkobe. La maphepha-ndaba ayengolindi-xesha, engapapashi ntsuku-zonke. “Kodwa eli iphepha-ndaba (I’solezwe lesiXhosa) lizakupapasha ntsuku-zonke. Loo nto siyiqhwabela izandla,” utshilo uMasualle.

UMasualle uthi iphondo laseMpuma Koloni linabantu aba kumyinge wamashumi asibhozo (80%) ekhulwini abathetha isiXhosa. “Ibingakholeleki into yokuba kwaba bantu bangaka aba ngamaXhosa eMpuma Koloni, kube kanti akukho phepha-ndaba elipapasha iindaba ngesiXhosa. Singurhulumente wase Mpuma Koloni sizithathele ingqalelo iilwimi zesiNtu. Ikwa ngulo rhulumente othathe isigqibo sokunyanzelisa ukuba ziqukwe iilwimi zenkobe kumaziko emfundo ebefudula engahlohli ngeelwimi zenkobe,” utshilo uMasualle.Ethetha kwaku lo msitho, uGqirha Surve uthi i-Independent Media, izimisele ukuba athi ephela unyaka ka2017, ibe le nkampani inamaphepha inamaziko aliqela apapasha ngolwimi lwesiXhosa. “Sikwenza oku ngenxeni yento yokuba sikholelwa ukuba yeyona nto ilungileyo,” utshilo uGqirha Surve.

Uthi ukholelwa ukuba iphepha-ndaba le-I’solezwe lizakuba nempumelelo. “Sikwayazi into yokuba mininzi imiceli-mngeni esizakujongana nayo kuba eliphepha lisaqala,” utshilo uSurve.

I’solezwe liphepha-ndaba eliphuma ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu. Linamanqaku akhethekileyo agxile kwezengqesho nemisebenzi ngoMvulo, ezempilo ngoLwesibini, ezoshishino ngoLwesithathu, ezemfundo ngoLwesine kwakunye nezesiNtu nezenkolo ngoLwesihlanu.