Pedro Mapelo
Eziphuma kwi-ofisi yomphathiswa wezemidlalo nezoyolo, uFikile Mbalula, zithi wonwabe kakhulu emva kwentlanganiso ebiphakathi kwakhe namagosa aphezulu wombutho olawula ibhola yehlabathi, iFIFA kwakunye neSAFA, apho bashukuxe indlela eyaphambili kwizityholo ezabekwa amalungu athile aphezulu kumbutho webhola weli loMzantsi Afrika, iSouth African Football Association(SAFA) kwiminyaka emithathu eyadlulayo. Le ntlanganiso ilandela isimbonono esenziwa nguye namalungu ePalamente yoMzantsi Afrika ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo apho babekhalazela ukucotha kophando olwenziwa yiFIFA kulo mba wezityholo zokuthengiswa okanye ukuphekwa kweziphumo zemidlalo.
Emva kwesithuba esingangonyaka emva kwetumente yehlabathi yebhola ekhatywayo eyayisingethwe leli ngonyaka ka-2010, iFIFA yavakalisa ukuba kwimidlalo yobuhlobo yeqela lesizwe, iBafana Bafana, kwabakhona into engalunganga echaphazela amagosa okanye iinkokheli ezithile zeSAFA. Kwangoko umphathiswa wezemidlalo, uFikile Mbalula, wathatha inqwelo-moya eya e-Zurich, ikomkhulu leFIFA apho wacela ukuba anikwe imvume yokuphanda nzulu ezizityholo zokuthengiswa kwemidlalo yaBafana Bafana. Nangona iFIFA ingafuni urhulumente angene kwimicimbi yayo, yamnika ilungelo lokuphanda lo mba kodwa yaphinda yaluthathela kuyo iFIFA uphando kungekabikho nto ayenzileyo. Yamcaphukisa ke lonto lo kaMbalula ngokuba kuye kwabangathi kukho izinto ezifihlwayo yiFIFA.
Kunyaka ophelileyo, amalungu ePalamente acela umphathiswa ukuba athethe neFIFA malunga nophando. Isikhalo seenkokheli zaseburhulumenteni sanyanzela umongameli weSAFA, ugqirha Danny Jordaan, acele iFIFA ukuba ilukhawulezise uphando ngalo mba kuba kwakhukho inkolo ethi izityholo ezi zingcolisa kakhulu igama lelizwe loMzantsi Afrika uphela, hayi iinkokheli ezichaphazelekayo qha.
Emva kwalentlanganiso ibiphakathi komphathiswa, iFIFA nomongameli weSAFA, umphathiswa uthe wanelisekile yinkcaza ayinikwe ngumbutho olawula ibhola yehlabathi kwaye nesiqinisekiso sayo iFIFA sokuphetha lo mcimbi kwinyanga yesilimela kumnike ithemba. Le midlalo ichaphazelekayo ibandakanye imidlalo yaBafana Bafana nalamazwe alandelayo: Thailand, Colombia, Gautemela namanye.