Pedro Mapelo
Lifikile kwakhona ithuba kwabo banomnqweno wokudlala ibhola kumgangatho ophezulu. Iphulo lokukhangela italente kweli loMzantsi Afrika exhaswa ngezigidi yiNedbank. Eli phulo kulo nyaka lizakuqala ngokusesikweni kwiphondo laseMpumalanga ngoMgqibelo waleveki.
Emva koko, abazingeli nabachongi betalente bazakuthi sa kumaphondo afana neFree State, Mpuma Koloni, KwaZulu Natal, Ntshona Koloni naseGauteng.
Lo msebenzi uwonke ukhokelwa ngabaqeqeshi abaphume izindla nabaziwayo kweli loMzantsi Afrika jikelele, kwicala lokuphuhlisa abadlali abasakhulayo. Amadoda anikwe loomsebenzi noxanduva lokujikeleza lonke elilizwe nguShakes Mashaba, umqeqeshi weBafana Bafana, Owen Da Gama, Mike Mangena kunye noKhabo Zondo. Kule minyaka idlulileyo, eliphulo lokukhangela abadlali abanesakhono lokudlala ibhola ekhtywayo liqhube kakuhle kakhulu.
Njengokuba eligqiza lihamba kwezindawo, lizakuchonga abadlali abodibana kwinkampu ethile, emva koko konyulwe abo banezakhono ezisulungekileyo - ngabo ke abazothi badlale neqela elizokuba ziintshatsheli zeNedbank Cup. Lo mdlalo uzakuboniswa ngqo kumabona-kude, ngalondlela abadlali beKe Yona bazokufumana ithuba lokubukelwa ngamawaka-waka abalandeli kunye nabaqeqeshi bamaqela akwi-Absa Premier League.
U-Owen Da Gama othethele abachongi ukhwebe bonke abadlali abatsha kwelilizwe ukuba balizabele elikhwelo basebenzise nelithuba balinikwayo. “Kuyasonwabisa kakhulu thina ukufumana ithuba lokujikeleza ilizwe lonke sikhangela abadlali bangomso. Kule nkqubo yokukhangela abadlali, sifumene abadlali abadlalela amaqela amakhulu namaqela esizwe”,…utshilo uDa Gama,
Sona isikhulu sakwaNedbank, uMnu. Sydney Mbhele, waleke amazwi kaDa Gama ngelithi, wonke umntu unephupha ngobomi bakhe. “Loo nto iyenzeka xa abantu benikwa ithuba lokufezekisa iminqweno yabo”,…utshilo uMbhele.
Abantu abazakunikwa ithuba okanye abazakuqwalaselwa ngabachongi ngabo baphakathi kweminyaka elishumi elinesibhozo(18) namashumi amabini nesihlanu(25) kodwa ibengabantu abanezazisi zalapha eMzantsi Afrika. Abachongi bazobe beseNelson Mandela Bay Stadium, ngentsimbi yesibhozo ukuya kwintsimbi yesihlanu, ngomhla wokuqala kuCanzibe.
Onomnqweno wothath'inxaxheba, makathumele umyaleyozo ngemfono-mfono ephathwayo. Cofa: *120*KEYONA# okanye *120*539662#