East London-12-04-2015 UPrimrose Nduzulwana no Mavis Toleduna abasebenza eMagwa Tea Estate.Umfanekiso Uthunyelwe East London-12-04-2015 UPrimrose Nduzulwana no Mavis Toleduna abasebenza eMagwa Tea Estate.Umfanekiso Uthunyelwe
SITHANDIWE VELAPHI
IKumkani yamaMpondo uTyelovuyo Zanozuko Sigcau umemelele kuluntu lommandla waseMampondweni ekubeni luphakame lulime umhlaba ngenjongo zokuvelisa ukutya, khon’ ukuze luyeke ukuxhomekeka kurhulumente.
IKumkani ibithetha kumasimi eti eMagwa eLusikisiki ngoLwesine kwimbizo ebikhwetywe ngurhulumente. Le mbizo ibikhwetywe lisebe lophuhliso lwamaphandle kwanohlenga-hlengiso lomhlaba ephondweni ngenjongo zokusombulula imbambano erhangqe ikamva labasebenzi kumasimi eti eMagwa naseMajola eSajonisi.
UMphathiswa wezolimo, amahlathi nezokuloba kuzwelonke uSenzeni Zokwana ebeyinxalenye nalendibano.
Abasebenzi kulamasimi, bakhala ngelithi ziinyanga bengafumani ntlawulo yemivuzo yabo. Bathi oku kwenza nzima nangakumbi impilo neemeko zokuhlala kubo.
USigcau uthi lifikile ixesha apho amaMpondo kufuneka anamathele ekusebenziseni umhlaba.
“Masisebenzise iigadi zethu sivelise ukutya. Abantu abanomhlaba kodwa bengawusebenzisi, sizakubacela ukuba banike abo banxanelwe ukuvelisa ukutya,” utshilo uSigcau.
Umhlekaz’ uSigcau uthi kufuneka uluntu lukwazi ukuzimela luxabise ukusebenzisa umhlaba. Uthe ethetha kwakulendibano, uMphathiswa wophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane: “Urhulumente sele ewuphethule umsebenzi wakhe wokuhlangula amasimi eti eMagwa naseMajola kwiimeko zolawulo. Ekuseleyo ngoku kukuba sikhululele kwiQumrhu loPhuhliso lwaseMpuma Koloni (ECDC) ukuze luqhube eyalo indima, nequka ukumilisela umlawuli ozakujongana nemicimbi yalamasimi.”
Ongumsebenzi eMagwa uNkosinathi Mbolo ubongoze urhulumente ekubeni ahlangabezane nabo kwintlawulo yemivuzo. “Asikwazi ukuhlawulela abantwana bethu ezikolweni, asikwazi nokuhlawula amatyala ethu. Urhulumente makazame imali, khon’ ukuze sihlawuleke ngempela-nyanga. Kwankqu nomlawuli ozakufunyanwa, kufuneka ibengomntu ozakuzinikela ahlangule lamasimi,” utshilo uMbolo, nokwalilungu lemanyano yabasebenzi i-Nehawu.
UZokwana uthi ayibaphathi kakuhle nabo into yokungahlawuleki kwabasebenzi kulamasimi. “Sinikeni ixesha, sizakuphinde sibuyele kuni. Eyona nto iphezulu ngoku kukuba siwusombulula njani lo mcimbi wokungahlawuleki kwabasebenzi,” utshilo uZokwana.
La masimi eti iMagwa eLusikisiki kwakunye neMajola eSajonisi liqhayiya lephondo laseMpuma Koloni, lokuvelisa iti kwaye aqashe ubuninzi uluntu lwasekuhlaleni. Ngelishwa kuleminyaka idlulileyo aye ajongana nemiceli-mngeni yolawulo olubhetye-bhetye nto leyo ethe yakhokhelela ekuncipheni kwemveliso ze intaphane yabasebenzi ayahlawulwa imivuzo yabo.
Urhulumente wephondo ubekele bucala izigidi zeerandi ukuphucula iimeko zalamasimi. Ukuba yozala nkomo ni asazi, kodwa uluntu lwephondo kudala lulindile lufuna ukubona utshintsho kweliqhayiya leti eveliswa eMpuma Koloni.
Imanyano yabasebenzi iNational Education, Health and Allied Workers' Union (Nehawu) igrogrise ngodlwabevu loqhankqalazo kulenyanga ukuba akude kulunge nto kulamasimi.