SITHANDIWE VELAPHI
Urhulumente waseMpuma Koloni uthi uqhubela phambili nelinge lakhe lokuqinisa imveliso yombane ophehlwe kusetyenziswa umoya.
UMphathiswa wesebe lophuhliso loqoqosho, imicimbi yezendalo kwakunye nokhenketho eMpuma Koloni uSakhumzi Somyo uthi iphondo leMpuma Koloni linikwe inyhweba yokusindleka iifama ezilishumi elinesibini kwakunye nefama enye yombane ophehlwe kusetyenziswa ilanga.
“Imali eqikelelwa kwi-R200m inikezelelwe kuphuhliso lwamashishini aphantsi kwabavelisi bombane abazimeleyo logama imali ekwi-R1.4bn inikezelwe kuphuhliso lwabantu abangqonge iifama ezigxunyekwe lombane uphehlwe kusetyenziswa umoya,” utshilo uSomyo.
USomyo uthi oku kuzakuqhuba iminyaka engamashumi amabini kwaye kuzakudala amathuba engqesho akumawaka alishumi namakhulu amane (10 400). “Imisebenzi ekwiwaka elinamakhulu amabini anamashumi amabini (1 220) izakudaleka ngethuba kusakhiwa iifama zokuphehla lo mbane uza ngomoya nelanga,” utshilo uMphathiswa.
USomyo ucele amashishini asakhasayo aseMpuma Koloni ekubeni abhinqe omfutshane, khon’ ukuze axhamle kulentaphane yezakhono namathuba avela kulenkquleqhu karhulumente yokuzisa umbane nkalwana zonke.
USomyo uthi oosomashishini abasakhasayo kummandla wase-Amathole, eSarah Baartman naseJoe Gqabi sele ehlinzelwe impuku axelelwa ukuba makavundle alungele ukuqubisana noluphuhliso kwiindawo abakuzo.
“Apho sijonge khona kukuba kungalunga ukuba kungaxhamla nangakumbi amashishini aphethwe ngoomama kwakunye nolutsha. Siyavuya ukwazisa ukuba iMpuma Koloni likhaya apho isibhozo samashishini exonkxa izixhobo ezimalunga nemveliso yombane oguquguqulwayo. Isithathu kulamashishini afumaneka eCoega eBhayi kwakunye nakumzi wophuhliso eMonti (East London Industrial Development Zone) kwaye akutyalo-mali olukwi-bhiliyoni yerandi,” utshilo uSomyo.
Urhulumente uthi uyathemba ukuba lamatile-tile ayakunceda ukuzisa isisombululo kucimi-cimi wombane eMzantsi Afrika.